Latest Post

Residence Rundown The Apple of their heroes’ eyes: An album review Reforest Fest: A fezzie for the trees The Fallen Boer

Isebe leeLwimi zaseAfrika kwiUnivesithi yaseStellenbosch libonakalise ukuzingca ngeeNkcubeko yakwaNtu ngokuthi libhiyozele usuku lwelifa leMveli (Heritage Day) ngomhla wama-22 kweyoMsintsi 2023. Imibutho ethe yathatha inkxaxheba ekubeni olusuku lube yimpumelelo ibilisebe leelwimi zesiNtu (Department of African Languages), Isebe lomculo (Music Department), Ifakalthi yezakwalizwi (Faculty of Theology), Ulwahlulo lwefuthe Loluntu (Division of Social Impact) kunye neMyuziyam yaseStellenbosch (Stellenbosch Museum). 

 Abafundi baphume bengamanani benemincili kunye novuyo lokubona ixabiso lwenkcubeko yakwaNtu kuleUnivesithi. Uthe uMawethu Nyakatya obengumlawuli wenkqubo xa echaza injongo yolusuku wathetha wejenje: “namhlanje sifuna ukunivisa nokunibonisa ukuba izinto zakwaXhosa zenziwa njani ukusukela kulwimi, ukutya, iziselo, imidaniso nemiculo kunye nendlela ekunxitywe ngayo.” 

Umfanekiso wokutya kwesiNtu 

Phambi kokuba kwenzeke yonke into ugqirha Sijadu uye wanika imvelaphi emfutshane ngolwimi lwesiXhosa esithi: “ngomhla wesi-6 kweyoMsintsi ulwimi lwesiXhosa beludibanisa iminyaka engama-200 ukusukela kusuku elaqala ukubhalwa ngaso. Umgaqo nkqubo weUnivesithi yaseStellenbosch uthi isiXhosa lelona lwimi lesiNtu olusetyenziswayo eNtshona koloni nolubalaseleyo eMzantsi Afrika ngoko ke iUnivesithi yaseStellenbosch inoxanduva lokunyusa nokuphuhlisa isiXhosa ngokusisebenzisa kuwo onke amacandelo njengoko kumiselwe kwiLanguage Policy framework of Higher Education Institutions.”  

Ukwamnkelwa kweendwendwe ezibalulekileyo kwenziwe ngunjingalwazi Dlali oyintloko yesebe leLwimi zaseAfrika eSU esazisa iindwendwe ezihloniphekileyo nezibalulekileyo ezithe zathatha ixesha  zazozibonakalisa kolubhiyozo belusenzeka. uNkosi uBurns-Ncamashe (Aa! ZWELIYAJIKA), uNkosi uNdamase, uTat’uSgcawu noMam’uSgcawu kunye nengqonyela ibingabanye babantu abakhulu ebebethe bandwendwele iSU. Ngenxa yokuba kukho indlela ethile yokubulisa inkosi kwaXhosa kwaye bekukho abantu abasuka kwezinye izizwe neentlanga abangenalo ulwazi lwa le nto, uNkosi Ndamase obenika amagqabantshintshi ngesithethi sembeko uNkosi Burns-Ncamashe uqale wafundisa abantu ukuba inkosi yamnkelwa njani xa ingena. Ukwenze oku ngokuba abaxelele abantu ukuba , aze athi uNkosi Burns-Ncamashe xa engena wonke umntu oyindoda akhahlele athi “Aa! ZWELIYAJIKA” baze bona abantu ababhinqileyo bayiyizele.  

uNkosi Burns-Ncamashe ubesisithethi sembeko apho ebenika imfundiso ebalulekilyo ngolwimi lwesiXhosa kwaye enye yentetho ezibalulekiyo avakale ezithetha kukuba: “xa sihleli ngoluhlobo kufuneka kubekho abantu abatsha abazokuba ngumlumiso wexesha elizayo” oku kutsho ukuze izizukulwana ezizayo ziliphuhlisa zilityale ezilalini kwimilisela nemithinjana ulwimi lwesiXhosa ukuze incubeko ingatshabalali. Izinto azikhankanyileyo uNkosi Burns-Ncamashea beziquka imilambo yakweli laseMzantsi Afrika, ukutya kwesiNtu kunye namanye wamagama asetyenziswayo kwaNtu xa kuthethwa.  

Amaqela ebekhona kwaye aye athathe inkxaxheba aquka iqela elizibiza ngoba yiThe Councouring Spirit, The Zulu Society (abafundi baseSU), abafundi abafunda isiXhosa (Home Language) kunye nabanye abafundi ababonakalise umdla abafunda kwezinye iifakhalti. Imidlalo ebisenziwa ngabafundi baseSU ibiquka imiculo, imibongo, imixhentso kubhiyozelwa olusuku lubalulekileyo.  

Omnye wabafundi uUnathi Gom owenza unyaka wakhe wokuqala kwiBA (Humanities) uhlomhle ngelithi: “Usuku lwangolwesihlanu beluyimpumelelo kakhulu kuba, ukubona abantu abasuka kwiintlanga ezahlukeneyo bedibene bezokonwabela usuku lwenkcubeko nezithethe kundonwabise kakhulu. Bendingalindelanga ukubona abantu abaninzi kwaye isibe lelwiimi laseMzansi eSU ludlale indima enkulu ukuqinisekisa ukuba abantu bayonwaba kwaye ibintle kakhulu into abayenzileyo. Enye into ebimnandi kakhulu kukubonakala kweeNkosi zakwaNtu zize zizobungaza olwasuku nathi kwaye lo nto indenze ndabona ukuba luninzi ubumbano xa ndijonga kwiminyaka edlulileyo. Ndicinga ukuba abantu abaninzi bazokuba nomdla wokulibhiyozela olusuku nakwiminyaka ezayo kwiUnivesithi yaseStellenbosch.” 

USiphosethu Yona owenza unyaka wakhe wesithathu kwiBA (Humanities) wongeze ngelithi: “Mna into ebendiyilindele kukuba kuzokubakho abafundi abafunda isiXhosa kuphela ukusekela kwabasenza kunyaka wokuqala ukuyotsho kunyaka wesithathu kunye nabafundisi bethu kuphela. Kodwa iye yandonwabisa into yokubona abantu abasuka kwiindawo ezikude bevile kwaye baza kwelitheko belisenzeka apha eSU kunye nabanye abafundi abafunda kwezinye iifalkhalti, abasuka kwezinye iintlanga kunye nezizwe. Ndinethemba ukuba ikhona into abayingcamleyo kwaye lo nto ibonise ubumbano nokwazi ukufunda ngezinye iintlanga”. 

Translate »
Social media & sharing icons powered by UltimatelySocial