Latest Post

Residence Rundown The Apple of their heroes’ eyes: An album review Reforest Fest: A fezzie for the trees The Fallen Boer

BY LIYABONA MQINA

IYunivesithi yaseStellenbosch ithathe isigqibo sokuba incedisane nabafundi abakumabanga emfundo ephakamileyo, abenza isiXhosa njengo lwimi lwasekhaya. Incedisane nabo ngokuba ibandakanye ulwimi lwenkobe kwizixhobo zoluhlu eziqulathe ukhetho lwezifundo ezizokhethwa ngabafundi abaneenjongo zokufunda eSU abenza ibanga lethoba neleshumi elinanye. Eli phulo liphuhliswe liziko leSU logaya lwabafundi kunye neNgcebiso ngezeMisebenzi (Center for Student Recruitment and Career Advice) kodwa likutshwe ngomhla we-30 kweyoMsintsi, ngosuku oludume ngoba yimini yeelwimi.

Umphathi wogayo lwabafundi uMichelle Swart ucacise wathi, iinjongo zabo ngokubonelela abafundi ngezizixhobo besebenzisa ulwimi lwesiXhosa kukuba bezikade zifumaneka ngesilungu nange-Afrikaans kuphela. Ezi zixhobo zizo kuncenda abafundi ukuba babenako ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ekuqondeni ukuba kuthethwa ngantoni xa kunxityelelwana nabo malunga nezigqibo ezithathiweyo ngezicelo zabo zokufunda eYunivesithi. UMichelle uqhubeke ngokuthetha ngokubaluleka kokuba baqale ngabafandi abenza ibanga lethoba ngoba lelona banga umfundi ekufuneka akhethe kulo izifundo ezizokumkhokhela afikelele kwelona khondo alifunayo.

Olu luhlu lwezixhobo luzoquka uxwebhu lwencwadi olunemibuzo ngemisebenzi abafundi abafuna ukuyenza. Kuzobakho nencwadana enezifundo ezifumanekayo eSU, (i-prospectus) kunye nevidiyo ecacisayo kwaye nebabonisayo ukuba bazozisebenzisa njani izixhobo ezo bazozifumana. Ezi zixhobo zizokubacebisa ukuze babenolwazi olwaneleyo xa bekhetha izifundo abazothi bazenze, ukwenzela ukuba bazokwazi ufumana imisebenzi enolungela ikamva labo. Umz; ukuba umntu ukhethe ukwenza izifundo zecandelo lezomthetho angaligqwetha okanye abengumtshutshisi.

“Sizokuba neeseshoni zengcebiso apho sizonika inkxaso kubafundi bebanga lethoba ade umfundi enze ubhaliso lwemfundo eSU. Sizoyenza le nto ngokuba senze amaqela onxibelelweno siphinde sidibane nangezinye iindlela ezahlukileyo, ukuquka ukudibana ubuso ngobuso, okanye ngokunxibelelana ngomnxeba. Ngamanye amaxesha sizodibana kumakhasi onxibelelwano afana noWhatsapp.” uphinde wongeza ngaloo mazwi uMichelle Swart.

UZenande Tshetu owenza unyaka wakhe wokuqala kwiBA (Humanities) uhlomle ngelithi: “Abantwana abafunda kwizikolo ezingathathi ntweni apho ulwimi lwesilungu ingelolwimi olubalulekileyo ukuba luthethwe, bazakuncedakala kakhulu ngoba ixesha elininzi bayasokola xa kufuneka besifundile okanye besibhalile isilungu. Lo nto iye ibenze babengathi balahlekile xa befika eYunivesithi umfundi angayiqondi ukuba kuqhubeka ntoni.”

UZizo Mkalipi, umfundi owenza unyaka wokuqala kwiLLB uvele ngeyakhe imbono esithi: “kunzima ukuwaqonda msinya amanye amagama esilungu kwaye abazali abaninzi abawuchani kakuhle umcimbi ingakumbi xa kusiziwa kuncwadi. Lo nto yenza kubenzima ukuba bacebise abantwana babo kwizinto zemfundo. Ngoko ke mna ndiyibona izobanogalelo oluzobancedisa kakhulu abafundi lenkqubo.”

Ixesha elininzi umntu into uyiqonda kakuhle xa kusetywenziswa ulwimi lakhe lwenkobe. Le nkqubo ayizunceda abantwana ngesikolo kuphela kodwa izokubakhulisa ukuze nabo bakwazi unceda abanye abalandela emva kwabo. Olu  phulo luzakubanceda ekukhetheni izifundo abazaziyo ukuba abazuzisola ngazo sebekude ebomini.

Translate »
Social media & sharing icons powered by UltimatelySocial