Izithixo nemibuzo engenazimpendulo: impambano yase‘Caldera’

Ngu Avuyile Conjwa
Abadlali bomdlalo Caldera. Ukusuka ekunxele ukuya ekunene: Buhle Funani, Nicola Janse van Rensburg, Aidan Davies, Chaz Young noJessica Milne.Umfanekiso: Nardus Engelbrecht

Imidlalo yeqonga ikushiya unemibuzo emininzi kuneempendulo, kunjalo kanye nakulo kaBen van der Walt, uCaldera. Lo mdlalo ukhuthaza abaphulaphuli ukuba bathathe inxaxheba ekunikeni intsingiselo kulo mdlalo. 

Umdlalo uCaldera waboniswa ePrimière Teaterfees eAdam Small Theatre eStellenbosch ngomhla wama-21 kuJulayi 2026. Lo mdlalo ulandela ubomi babantu abahlala kunxweme lomlambo iCaldera, abathi babhaqa ukuba ubomi babo bukumbhodamo ngokufika kobuthixo obungumangaliso kule ndawo.

Lo mdlalo uneentsingiselo eziliqela. Ukuntsonkotha kwawo kwenza ukuba abaphulaphuli bangqine le mpambano kwaye bathathe inxaxheba ekusombulula le ngxaki.

Ubume beqonga butsho lukhulu, abadlali bengekathethi nelimdaka. Imeko yaseCaldera iphuphume ngaphaya kweqonga, yarhawula abaphulaphuli njengoko ibiyintsini yodwa kubukelwe isimanga sabantu abaphambanayo baseCaldera

Le mpambano ibisiya isanda, ibonakaliswa yingxolo nombhodamo. Lo mdlalo usebenzisa uburharha ekucubunguleni imiba, nto leyo eyenza ukuba ungavakali ngathi yintshumayelo. Abadlali begqamisa imiba eyahlukeneyo ngezakhono zabo kule meko ingazinzanga yaseCaldera.

Umdlali uSam odlalwa nguAidan Davies uzivise kamnandi elilolo emgqomeni. UGod odlalwa nguChaz Young noxa enegama elinamandla onke, ebengumdlali olinxila ofumana inyaniso kumaphephandaba kuphela.

UElijah odlalwa nguBuhle Funani obenxanelwe ulwazi kuba echukumisa umdla kaEdith odlalwa nguJessica Milne, kuye noko oko kwanomthelela ombi ngakuye.

Ubuthixo buboniswa nguNicola Janse van Rensburg. 

Kwakukho ithuba apho iqonga laligutyungelwe bubumnyama, ukukhanya kuvela kumabonakude kuphela. Imiboniso ebidanyaza kulo mabonakude yabangela ukuba   uElijah aphambane. 

Lo mboniso udale ingxoxo–mpikiswano eziliqela kuhlalutywa le miba.  Abanye abaphulaphuli babubone obubuthixo njengento engekhoyo, abanye beyibona njengenkolo nonxulumano lobuntu nezinto oluzakhela zona.

“Abaphulaphuli bawubone lo mdlalo ngendlela ezahlukahlukeneyo njengoko abavelisi-nkqubo bebefuna njalo. Bubugcisa obu”, utsho uBelinda Mabaso. 

Impumelelo yomdlalo weqonga uCaldera ayigxilanga kubadlali beqonga, okanye kwiqonga okanye kwincoko phakathi kwabalinganiswa koko igxile kubavelisi ngokuntsonkotha komdlalo.

Lo mdlalo ushiya abaphulaphuli benemibuzo ngezithixo abazenzela zona kunye neenkqubo zabo abazithembileyo.

Apha,uCaldera ubonisa ukuba ukuntsonkotha kwezinto akudali mqobo ekuziqondeni koko kwenza ukuba ufumane ingcaciso ethe vetshe ngazo.

Related Articles

spot_img
spot_img