Ngu Avuyile Conjwa
Ziyaphi na iingcinga?
Mhlawumbi aziyindawo, koko zihleli apho ukukhanya kungafikelelekiyo.

Lombuzo ubhencwe ngumboniso wobugcisa – What the Body Keeps, obubanjelwe eHazendal Wine Estate, Stellenbosch. Umboniso lo uyakuqhuba kude kube sekupheleni kwenyanga yeSilimela. Apha, abo bebe sandula ukuthweswa izidanga uOlorato Makgale, Katja Marsiglia, Robyn Norval, Lisakhanya Ngqoba noJesse Martin-Davis, bebenemiboniso esinike ingcamango eyahlukileyo ngalombuzo.
Le miboniso isinika ingcamango ethi iingcinga zethu azipheleli engqondweni kodwa zithi zigcinwe nakwamanye amalungu wemizimba yethu.
Lo ngumbuzo esinga fane sizibuze wona. Mhlawumbi asiwubuzi kuba unobunzulu, ngoko soyika impendulo.
Igqondo yomntu bubuxhakaxhaka bonxibelelwano obusebenza ngohlobo olulodwa, ukugcina nokuhluza iingcinga nembono zethu.
Kwenzeka ntoni na ke xa ezingcinga nembono zemihla ngemihla zinyamalala, ziyaphi apha kwimizimba yethu?

Iingcinga zethu azilahleki koko zihleli apho ukukhanya kungafikelelekiyo. Kulemiboniso sibone ukukhanya, iingceba zeglasi, iglue, iinkcenkce nezinye izinto.
Njengoko lemiboniso ixhonyiwe kukho iindawo apho ukukhanya kungafikelelekiyo, zitsho zingabonakali.
Lemeko ikunike umfanekiso othi iingcinga ziyakwazi ukuhlala apho ukukhanya kungafikelelekiyo, silibale ngazo.
Ezingcinga azilahlekanga koko zisebumnyameni. Iingcinga ke ezithi zihlale ebumnyameni zezongcinga zibuhlungu nezoxinezelelo lwengqondo.
Lemiboniso ikubeke elubala kuba iingcinga zethu zihlala zihleli kwimizimba yethu, zimane zivela ngokwemeko zempilo yethu.



